Uhezekile 31 XHO96

Umsedare eLebhanon

1 Ngosuku lokuqala kwinyanga yesithathu yonyaka weshumi elinanye ndaliva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi kum:

2 “Mntundini, bhekisa kukumkani waseJiputa nezihlwele zakhe, uthi:“Ngubani na onokufaniswa nawe ngobungangamsha?

3 Khangela iAsiriya eyaye ingumsedare eLebhanon,omasebe mahle ongamele ihlathi.Kaloku wawukhule wamde,uyivelele kanye loo ntshinyela yehlathi.

4 Waba mde kuba wawusela amanziemithombo ephuma emathunjini omhlaba,emilanjana inkcenkceza amanzi phezu kweengcambu zawo,ize isele neminye imithi yasendle.

5 Ngoko ke waba mde lee kuneminye imithi apho endle,aqhama amasetyana awo, axanda amasebe,ngenxa yamanzi amaninzi.

6 Zonke iintakazana zakha iindlwana zazo kumasetyana awo;zonke izilo zasendle zazala amathole azo phakathi kwamasebe awo;zonke izizwe ezinodumo zaphumla emthunzini wawo.

7 Wawongamele ngobuhle, uxandile ngamasebe,kuba iingcambu zawo zazisela amanzi ezantsi emathunjini omhlaba.

8 Imisedare yomyezo kaThixo yayingathathi nto kuwo,ngokunjalo namasebe emipayini.Amasebe emipleyini ayenganeno kweyawo ngobuhle obuyimbalasane.Babudlule nawuphi na umthi emyezweni kaThixo.

9 Enziwa ndim aba mahle naloo masebe aqhamileyo,umthi ogqwesa yonke imithi yaseIdeni, umyezo kaThixo.”

10 “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Wawumde kangangoko, uyivelele lee intshinyela yehlathi, wade wazingca ngobude bawo.

11 Ngenxa yoko ndawunikezela umlawuli wezizwe ukuba enze kuwo ngokwenkohlakalo yawo. Ndawushenxisa,

12 waza wagawulwa sesona sizwe sikhohlakeleyo kwezasemzini. Amasebe awo awela ezintabeni nasezintlanjeni; aphukela kuzo zonke iingxingwa zelizwe. Zonke izizwe zehlabathi zawushiya umthunzi wawo.

13 Zonke iintaka zahlala kuloo mthi uwileyo, nazo zonke izilo zabutha phakathi kwamasebe awo.

14 Ngako oko sokube kuphinde kubekho mthi ukhula ngasemanzini owongamela eminye imithi ngobude, uvelele intshinyela yehlathi. Akube kuphinde kubekho mthi ufunxa amanzi emhlabeni uya kuba mde ngolo hlobo. Yonke imelwe kukufa, itshone ngaphantsi komhlaba njengabantu bonke abatshona kwelabafileyo.

15 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Mhla watshona kwelabafilyo, imithombo ndayithi wambu ngokuwuzilela, ndayinqumamisa imilanjana yayo, aza amanzi ayeka ukunkcenkceza. Ngokunjalo iLebhanon ndayithi gqume ngobumnyama, yaza yonke imithi endle yabuna.

16 Izizwe ndazenza zangcangcazela zakuva isandi sokuwa kwawo xa ndandiwufaka engcwabeni kunye nabo bangena kwelabafileyo. Kwakuba njalo yonke imithi yaseIdeni, eyona-yona mithi yaseLebhanon, yonke imithi eyayimi phezu kwamanzi, yaxola ngaphantsi komhlaba.

17 Abo babephumla emthunzini wawo, izizwe ezingabancedisi bawo, nabo babengene engcwabeni kunye nawo, baya kuhlangana nâbo babefe ngekrele.

18 “Nguwuphi umthi kweyaseIdeni onokufaniswa nawe ngobuqaqawuli nobungangamsha? Kanti nawe, kumkani waseJiputa, uya kutshoniswa phantsi komhlaba kunye nemithi yaseIdeni; uya kulala phakathi kwabangalukanga, abo batyakatywe ngekrele.“Nditsho wena kumkani waseJiputa nezihlwele zakho zonke; ewe, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48