16 Ngelo xesha zonke iikumkani zamazwe onxweme lolwandle ziya kuhla ezihlalweni zazo, ziyithi xibilili iminweba yazo, zizikhulule neengubo zazo ezihonjisiweyo. Ziya kuhlala phantsi zizel' ululoyiko, zingcangcazela ngalo lonke ixesha ngenxa yomothuko wento eziyibona kuwe.