10 Ngembonakalo ayefana omane. Ivili ngalinye lalingathi linqumleze elinye ivili.
11 Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.
12 Wonke umzimba wazo, umhlana, izandla, namaphiko, wawungamehlo nje, ngokunjalo namavili lawo.
13 Ndeva amavili la kusithiwa ngabajikelezi.
14 Isithunywa ngasinye sasinobuso obune: obokuqala yayibobesithunywa esimaphiko, obesibini ibobomntu, obesithathu ibobengonyama, obesine ibobokhozi.
15 Zenyuka ke izithunywa ezimaphiko. Yayizeziya zidalwa ziphilayo ndandizibone ngasemlanjeni iKebhare.
16 Bezisithi zakusuka izithunywa, namavili ahambe; zithi zakuwatwabulula amaphiko azo izithunywa, zilungiselela ukuphakama emhlabeni, amavili ebengasuki ecaleni lazo.