7 Esinye sezithunywa ezimaphiko sasolulela emlilweni isandla saso. Sakha umlilo lowo, sawugalela ezandleni zomfo onezinxibo zelinen, waza ke waphuma nawo. (
8 Kwakukho izinto ezingathi zizandla zomntu phantsi kwamaphiko ezithunywa ezo.)
9 Ndajonga ndabona amavili amane, lilinye ngakwisithunywa esimaphiko ngasinye; amavili ayebengezela okwekrizolite.
10 Ngembonakalo ayefana omane. Ivili ngalinye lalingathi linqumleze elinye ivili.
11 Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.
12 Wonke umzimba wazo, umhlana, izandla, namaphiko, wawungamehlo nje, ngokunjalo namavili lawo.
13 Ndeva amavili la kusithiwa ngabajikelezi.