1 Wasuka uMoya wandifunqula wandibeka esangweni lendlu *kaNdikhoyo elijonge empumalanga. Apho ekungeneni kwesango kwakukho amadoda angamashumi amabini anesihlanu, phakathi kwawo ndabona uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, iinkokheli zabantu.
2 Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, la ngala madoda enza amayelenqe angendawo neengcebiso ezikhohlakeleyo kwesi sixeko.
3 Athi: ‘Eli asililo ixesha lokuba kwakhiwe izindlu. Esi sixeko siyimbiza; thina siyinyama ephekwayo.’
4 Ngako oko, mntundini, shumayela ubakhalimele. Ndithi shumayela!”
5 Wandongamela uMoya kaNdikhoyo, wathi: “Danduluka uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Nakuba nina ndlu kaSirayeli nithetha oku, kodwa ndiyazazi iingcinga zenu.
6 Nibulele inkitha yabantu kwesi sixeko, zada zazala zizidumbu izitalato.
7 “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.