17 “Ngoku ke yithi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuniqokelela ezintlangeni, ndinibuyise kuloo mazwe benithe saa kuwo, ndize ndiphinde ndininike umhlaba kaSirayeli.
18 Abathinjwa baya kubuyela kuwo, bayisuse phakathi kwabo yonke imifanekiso engamasikizi kwanezithixo ezinezothe.
19 Ndiya kubenza bandikhonze bengenakumbi, ndibanike umoya omtsha; ndiya kuyikhupha kubo intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndibanike intliziyo yentobeko.
20 Baya kwenza ngokwemimiselo yam, bayithobele ngononelelo imithetho yam. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.
21 Kodwa abo bantliziyo zinamathele kwimifanekiso engamasikizi nakwizithixo ezinezothe baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
22 Zasuka izithunywa ezimaphiko namavili azo emi ngakuzo, zawatwabulula amaphiko azo, baza ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli baphezu kwazo.
23 Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo baphuma esixekweni, baya kuthi nqumama phezu kwentaba engasempumalanga kuso.