20 Baya kwenza ngokwemimiselo yam, bayithobele ngononelelo imithetho yam. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.
21 Kodwa abo bantliziyo zinamathele kwimifanekiso engamasikizi nakwizithixo ezinezothe baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
22 Zasuka izithunywa ezimaphiko namavili azo emi ngakuzo, zawatwabulula amaphiko azo, baza ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli baphezu kwazo.
23 Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo baphuma esixekweni, baya kuthi nqumama phezu kwentaba engasempumalanga kuso.
24 Wandifunqula uMoya, waya kundibeka phakathi kwabathinjwa eBhabheli ngokombono ovela kuMoya kaThixo. Wandishiya umbono,
25 ndaya ndabaxelela abathinjwa konke endikuboniswe nguNdikhoyo.