6 Nibulele inkitha yabantu kwesi sixeko, zada zazala zizidumbu izitalato.
7 “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.
8 Niyaloyika ikrele, ndaye ndiza kunivisa ikrele, itsho iNgangalala enguNdikhoyo.
9 Ndiya kunikhuphela ngaphandle kwesi sixeko, ndize ndininikezele kwabasemzini ukunohlwaya.
10 Niya kufa ngekrele emideni yakwaSirayeli. Ewe, ndiya kunigweba nitsho nindazi ukuba ndinguNdikhoyo.
11 Esi sixeko asiyi kuba yimbiza, nani aniyi kuba yinyama ephekwayo; ndiya kunigweba ndize ndinohlwaye kwalapha emideni yakwaSirayeli.
12 Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo. Kaloku niyityeshele imimiselo yam, naphambuka kwimithetho yam, naza nazibeka mgangathweni mnye nezizwe eziningqongileyo.”