19 Yithi kubantu beli lizwe: ‘Ngokuphathelele kubantu abahlala eJerusalem nakwilizwe lamaSirayeli itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ukutya kwabo baya kukutya bexhalabile, amanzi bawasele bephelelwe lithemba, kuba ilizwe labo liza kushiywa lize ngenxa yezenzo zobutshijolo zabantu balo.
20 Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”
21 Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
22 “Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’?
23 Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe.
24 Kaloku iza kuphela imibono elambathayo nokuhlatywa kwemihlola engento apha kwaSirayeli.
25 Mna Ndikhoyo ndiza kuthetha endikuthethayo, kuze kuzaliseke ngokukhawuleza. Ithi iNgangalala enguNdikhoyo: Konke endikuthethayo phambi kwenu kozalisekiswa ngemihla yenu, ndlundini inenkani.’ ”