4 Emini njalo, bejongile, uze uwubeke phandle umthwalo wakho sewulungele imfuduko, uphume kwakuhlwa, bekukhangele njalo, ungene endleleni yemfuduko.
5 Bekubukele njalo, gqobhoza eludongeni lwendlu, uphume nempahla yakho.
6 Uze uyityathe bekujongile ngorhatya, ungene endleleni. Uze ubugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ilizwe, kuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.”
7 Ndenza njengoko ndiyalelwe. Ndayikhupha emini impahla yam seyingumthwalo olungiselelwe imfuduko. Ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngezandla zam. Ngorhatya ndaphuma endijongile ndithwele impahla yam emagxeni.
8 Kusasa ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
9 “Mntundini, abakubuzanga na oonkanishe abayindlu kaSirayeli ukuba: ‘Wenza ntoni na?’
10 Uze uthi kubo: ‘Ithi iNkosi uNdikhoyo: Olu daba lundilisekileyo luqondene nenkosana eseJerusalem nayo yonke indlu kaSirayeli elapho.’