8 Kusasa ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
9 “Mntundini, abakubuzanga na oonkanishe abayindlu kaSirayeli ukuba: ‘Wenza ntoni na?’
10 Uze uthi kubo: ‘Ithi iNkosi uNdikhoyo: Olu daba lundilisekileyo luqondene nenkosana eseJerusalem nayo yonke indlu kaSirayeli elapho.’
11 “Ewe, yithi: ‘Mna ndingumqondiso kuni. Nakuni kuya kwenzeka njengokuba kwenzekile kum.’“Nâbo baseJerusalem baya kufuduswa.
12 Inkosana yabo iya kuyithwala impahla yayo emagxeni, isabe ngorhatya. Iya kuvulelwa umngxuma emayiphume ngawo eludongeni. Iya kubugquma ubuso bayo, itsho ingaliboni ilizwe.
13 Ndiya kuyithiyela ngezabatha, ize ibhajiswe zizo; ndiya kuyisa eBhabheli ilizwe lamaKaledi, kodwa yona ayisayi kulibona, yaye iya kufela apho.
14 Ndiya kubasarhaza bonke abalandeli, nditsho nkqu amafanankosi nemikhosi. Ndiya kubaleqa ndiqhiwule ikrele.