12 Xa ke sezidilika iindonga abantu baya kunibuza bathi: ‘Iphi ikalika ebeziqatywe yona?’
13 “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: Emsindweni wam ndiza kwenza kubekho inkanyamba eya kuba nesichotho nezandyondyo zemvula eya kutshabalalisa.
14 Ndiya kuludiliza udonga eniluqabe ikalika, nditsho luthi bhuma phantsi, kuvele isiseko salo. Luya kunityumza nife nina xa ludilikayo. Niya kwazi mhlophe xa kunjalo ukuba ndinguNdikhoyo.
15 “Umsindo wam ndiya kuwukhuphela kolo donga nakwabo baliqabe ngekalika. Ndiya kuthi kuni: ‘Ludilikile udonga; batshabalele nabo bebeliqabe ngekalika –
16 nditsho abashumayeli bakwaSirayeli ababeshumayela eJerusalem, benemibono yoxolo kuyo, kanti kwakungekho xolo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.’
17 “Ke ngoku, mntundini, zifulathele iintombi zabantu bakowenu ezishumayela intshumayelo eziyikha engqondweni. Zikhalimele
18 uthi: ‘Naku okuthethwa nguNdikhoyo iNgangalala: Yeha kwabo bafazi bafaka iintsimbi ezinyangiweyo ezihlahleni zabo, nabathwala izigqubuthelo zeendidi ngeendidi ezintloko, besenzela ukutsala abantu. Nithi ningabambisa abantu bam nize nina nisinde?