2 “Mntundini, shumayela ngokuchaseneyo *nabashumayeli bakwaSirayeli abashumayela izinto abazikha engqondweni yabo, uthi kubo: Phulaphulani ilizwi likaNdikhoyo!
3 Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ‘Yeha iziyatha zabashumayeli ezinkqubo ihamba ngokweentliziyo zabo, bengakhange babe nawo umbono.’
4 Abashumayeli bakho, Sirayeli, banjengempungutye enxiweni.
5 Anizidubanga ngokuvingca iintanda, nilungisa udonga, nisenzela indlu kaSirayeli, khon' ukuze yomelele edabini ngomhla kaNdikhoyo.
6 Banemibono ephuthileyo; izihlabo zabo zibubuxoki. Bathi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ kodwa engabathumanga; kanti kuyo yonke loo nto balindele ukuba udaba lwabo lufezekiswe.
7 Anibangwa yimibono ephuthileyo nezihlabo zobuxoki xa nisithi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ ndibe mna ndingathethanga?
8 “Ke ngoko ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yamazwi enu aphuthileyo, nemibono ebubuxoki, mna ndichasene nani, itsho iNkosi uNdikhoyo.