1 Amanye amadoda amakhulu akwaSirayeli eza kum, afika ahlala phambi kwam.
2 Ndaza ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
3 “Mntundini, la madoda aqulathe *izithixo ezintliziyweni zawo, aza abeka izikhubekiso ezikhohlakeleyo phambi kobuso bawo. Ndiwavumele na ukuba abe nento ayibuzayo kum?
4 Ngako oko thetha nawo uwaxelele uthi: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xeshikweni nawuphi na umSirayeli equlathe izithixo entliziyweni yakhe, waza wabeka isikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, aze aye *kumshumayeli, uya kuphendulwa ndim Ndikhoyo siqu ngokunqula kwakhe izithixo okungaka.
5 Oku ndiya kukwenzela ukubuyisa iintliziyo zabo bonke abantu bam bakwaSirayeli, abathe bandilahla ngenxa yezithixo.’