13 “Mntundini, xa lithe ilizwe landona ngokungathembeki, ndaza ndalohlwaya ngokuvalela ukuba lingakufumani ukutya, ukuze abantu balo nezilwanyana zalo zife yindlala,
14 ngokwenene ke nokuba la madoda mathathu, uNowa, noDaniyeli, noYobi, bebenokuba kwelo zwe, bebeya kuzisindisa bona kuphela ngenxa yobulungisa babo, itsho iNkosi uNdikhoyo.
15 “Okanye ndingathi ndithe ndathumela amarhamncwa asendle kweli lizwe, aze akashiya nempunde kulo, atsho layindawo engahanjwayo ngenxa yamarhamncwa,
16 ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba kwelo zwe ebengenakubasindisa oonyana neentombi zawo. Bekuya kusinda wona kuphela, libe lona ilizwe lisebugxwayibeni.
17 “Okanye ndingathi ndiliphethele ikrele ilizwe, ndithi: ‘Ikrele malityakatye kulo lonke ilizwe,’ lize libulale abantu nemfuyo yabo,
18 ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba lapho ebengayi kuba nako ukuzisindisa iintombi noonyana bawo. Bekuya kusinda wona odwa.
19 “Kungenjalo ngendithumela ubhubhani kwelo zwe, ndiwukhuphele kulo umsindo wam, ndibulale abantu nemfuyo yabo ngempalalo-gazi.