19 “Kungenjalo ngendithumela ubhubhani kwelo zwe, ndiwukhuphele kulo umsindo wam, ndibulale abantu nemfuyo yabo ngempalalo-gazi.
20 Ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba babelapho, ooNowa, noDaniyeli, noYobi, bebengenakuyisindisa nentsapho yabo. Bebeya kuzisindisa bona bodwa ngenxa yobulungisa babo.
21 “Kaloku itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: IJerusalem ndingayigweba ndiyithumele ngezibetho ezine, ezona zibi – imfazwe, nendlala, namarhamncwa, nobhubhani – ndibulale abemi bayo kunye nemfuyo yabo.
22 Naxa kunjalo baya kubakho abasindayo – oonyana neentombi abaya kubhunca esixekweni. Baya kuphuma beze kuni, niyibone imikhwa yabo nezenzo zabo, nize nizibonele ngokwenu isizathu sokuba iJerusalem ndiyithumele ngentlekele – nditsho yonke intlekele endiyizisele yona.
23 Ewe, niya kuzibonela ngokwenu, nixole yakubonakala kuni imikhwa yabo nezenzo zabo, niqonde ukuba andifumananga ndakwenza konke endakwenzayo kwiJerusalem, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”