1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2 “Mntundini, yixelele iJerusalem ngezenzo zayo ezinezothe,
3 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiJerusalem ukuthi: Imvelaphi nenkaba yakho ikwilizwe lamaKanana; uyihlo ngumAmori, unyoko engumHiti.
4 Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo.
5 Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.
6 “Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’
7 ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.