16 Enye impahla yakho wenza ngayo isibingelelo sokunqula izithixo apho waqhuba khona izenzo zobuhenyukazi. Azenziwa ezo zinto, kungekho mfuneko yokuba zenzeke.
17 Izihombiso zam endandikunike zona, zegolide nesiliva yam, wasuka wenza ngazo *izithixo ezingamadoda, wahenyuza nawo.
18 Wazambathisa ngezinxibo zakho ezihonjisiweyo, wanikezela kuzo ngamafutha neziqhumiso zam.
19 Kwanokutya endandikunike kona – owona mgubo ucoliweyo, amafutha omnquma, nobusi – wakwenza umnikelo ovumba limnandi kuzo. Ewe, kwenzeka oku, itsho iNkosi uNdikhoyo.
20 “Wathatha oonyana neentombi zakho obundizalele zona, wenza ngazo idini lokutya kwezithixo. Bebunganele na ubuhenyukazi bakho?
21 Wabaxhela abantwana bam, wenza idini lezithixo ngabo.
22 Kuzo zonke izenzo zakho ezinezothe nobuhenyukazi bakho akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho xa wawuze ukhaba-khaba egazini lakho.