4 Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo.
5 Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.
6 “Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’
7 ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.
8 “Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.
9 “Ndakufaka emanzini, ndalihlamba igazi kuwe, ndakuthambisa ngamafutha.
10 Ndakunxiba ilokhwe ehonjisiweyo, ndakufaka iimbadada zothwathwa, ndakunxiba ilinen ecikiziweyo, ndakwambesa iingubo zexabiso.