8 “Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.
9 “Ndakufaka emanzini, ndalihlamba igazi kuwe, ndakuthambisa ngamafutha.
10 Ndakunxiba ilokhwe ehonjisiweyo, ndakufaka iimbadada zothwathwa, ndakunxiba ilinen ecikiziweyo, ndakwambesa iingubo zexabiso.
11 Ndakuhombisa ngamatye anqabileyo, ndakufaka izacholo ezingalweni nentsimbi yomqala entanyeni yakho.
12 Ndaza ndakufaka amacici empumlweni nasezindlebeni zakho, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko.
13 Ewe, wawuhombe ngegolide nesiliva; izinxibo zakho zizezelinen ecikiziweyo nelaphu lexabiso elihonjisiweyo. Ukutya kwakho ibingowona mgubo ucoliweyo, nobusi, namafutha omnquma. Waba mhle kakhulu ngokungathi ungukumkanikazi.
14 Udumo lwakho lwaba ngundaba-mlonyeni ezizweni ngenxa yobuhle bakho, kuba ubuqheleqhele endikunike bona babenza babalasela ubuhle bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.