11 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
12 “Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli,
13 waza wakhetha omnye kwabegazi, wenza isivumelwano naye, wamfungisa. Wawasusa amadoda amakhulu esizwe,
14 khon' ukuze ubukumkani buhle, bungabi nakuphakama, bume buyiloo nto ngokugcinwa kwesivumelwano nokumkani waseBhabheli.
15 Kodwa ukumkani waseJerusalem wamvukela owaseBhabheli, waza wathuma izithunywa eJiputa ukuba ancedwe ngamahashe nomkhosi omkhulu. Ngaba uya kuphumelela? Ngaba umntu owenza izinto ezilolu hlobo uyasinda; nditsho ofumana asikhabe isivumelwano?’
16 “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, úya kufela eBhabheli, kwilizwe laloo kumkani wayembekile waza wasidela isifungo asenze naye, wasaphula isivumelwano.
17 Ukumkani waseJiputa nomkhosi wakhe oqinileyo oyinyambalala akasayi kumnceda nganto emfazweni, xeshikweni kusakhiwa izikanisi nezinye izixhobo zokungqinga ukuze kufe inyambalala yabantu.