7 “Kodwa lalukho nolunye ukhozi olumaphiko omeleleyo neentsiba ezishinyeneyo. Ke ngoku iingcambu zomdiliya zanabela ngakulo ukusuka kule ndawo umdiliya utyalwe kuyo, namasebe axandela kulo ukufuna amanzi.
8 Wawutyalwe kumhlaba otyebileyo, kufuphi namanzi amaninzi, ukuze uhlume, ukhule, uvelise iziqhamo, ube yinzwakazi yomdiliya.
9 “Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ngaba lo mdiliya uza kuchuma na? Awusayi kuncothulwa na lukhozi lokuqala, lunqothule zonke iziqhamo zawo, uze ubune? Amahlumelo awo onke aya kubuna. Xa uncothulwe emhlabeni akuyi kubakho mfuneko yandoda isisigantsontso okanye iqela labantu.
10 Khona ukuba uphinde watyalwa kwenye indawo uya kukhula na? Awukubuna mpela na xa kuthe kwavuthuza ulophu, ubune umi kuloo ndawo ubukhula kuyo?”
11 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
12 “Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli,
13 waza wakhetha omnye kwabegazi, wenza isivumelwano naye, wamfungisa. Wawasusa amadoda amakhulu esizwe,