16 akacinezeli mntuokanye abize isibambiso kulowo ubolekayo;akanguye umphangi,kodwa ubapha ukutya abalambileyo,abambese abahamba ze;
17 ubethela kude esonweni;akabaqhathi abo ababolekayo,hayi akababizi inzuzo engaphaya;uyayithobela imithetho,enze ngokwemimiselo yam.“Akayi kufa ngenxa yesono sikayise, koko uya kubudla ubomi.
18 Kodwa yena uyise uya kufa ngenxa yesono sakhe, kuba ebaxhaphazile abantu, wamkhuthuza umntakwabo, wenza okungalunganga kumawabo.
19 “Niyabuza ke nina: ‘Ngani ukuba unyana angalithwali ityala likayise?’ Kaloku unyana wenze ubulungisa, wahamba ngokwemiyalelo yam; yena uya kubudla ubomi.
20 Ngumntu owonileyo oya kufa. Unyana akayi kulithwala ityala likayise, noyise akayi kulithwala ityala lonyana. Olungileyo uya kuvuzwa ngobulungisa bakhe, okhohlakeleyo ohlwaywe ngenkohlakalo yakhe.
21 “Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.
22 Zonke izikreqo azenzileyo aziyi kuphinda zikhunjulwe. Uya kudla ubomi ngenxa yobulungisa abenzileyo.