2 “Bantundini, nithetha ukuthini ezweni lakwaSirayeli xa nicaphula kweli qhalo lithi:“ ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada,suka kwabuthelezi amazinyo abantwana’?
3 “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, anisayi kuphinda nicaphule kweli qhalo kwaSirayeli.
4 Kaloku wonke ophilayo ngowam; nditsho uyise nonyana, bobabini ngabam ngokufanayo. Uya kufa umntu othe wona.
5 “Nanku umfo olilungisa,owenza okulungileyo kwaphela:
6 akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye athembele *kwizithixo zendlu kaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane,okanye alale nomfazi osexesheni;
7 akacinezeli mntu,kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa;akanguye umphangi,koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;
8 akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;akavani nokwenza okungalunganga,ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.