21 “Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.
22 Zonke izikreqo azenzileyo aziyi kuphinda zikhunjulwe. Uya kudla ubomi ngenxa yobulungisa abenzileyo.
23 Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.
24 “Xa ilungisa libulahla ubulungisa, lize lingene enkohlakalweni, lenze amanyundululu abefudula esenziwa ngokhohlakeleyo, lingabudla njani ubomi? Bonke ubulungisa ebelifudula libenza abuyi kuba sakhunjulwa. Liya kufa kuba lingathembekanga, lifela izono zalo.
25 “Ke nina nithi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Phulaphula, ndlu kaSirayeli: Ngaba inkqubo yam asiyiyo eyolungelelwano na? Yinkqubo yenu kaloku engenalo ulungelelwano.
26 Ukuba ilungisa lithe laphambuka ebulungiseni, lenza isono, liya kufa ngenxa yesono eso.
27 Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wayilahla inkohlakalo yakhe, wenza ubulungisa, ngokwenjenjalo uya kubusindisa ubomi bakhe.