24 “Xa ilungisa libulahla ubulungisa, lize lingene enkohlakalweni, lenze amanyundululu abefudula esenziwa ngokhohlakeleyo, lingabudla njani ubomi? Bonke ubulungisa ebelifudula libenza abuyi kuba sakhunjulwa. Liya kufa kuba lingathembekanga, lifela izono zalo.
25 “Ke nina nithi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Phulaphula, ndlu kaSirayeli: Ngaba inkqubo yam asiyiyo eyolungelelwano na? Yinkqubo yenu kaloku engenalo ulungelelwano.
26 Ukuba ilungisa lithe laphambuka ebulungiseni, lenza isono, liya kufa ngenxa yesono eso.
27 Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wayilahla inkohlakalo yakhe, wenza ubulungisa, ngokwenjenjalo uya kubusindisa ubomi bakhe.
28 Kuba eziqondile iziphoso zakhe, waza wazilahla, akayi kufa, koko uya kudla ubomi.
29 Kodwa ke noko indlu kaSirayeli isatsho ukuthi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Ndlu kaSirayeli, inolungelelwano inkqubo yam. Ziindlela zenu ezingenalo ulungelelwano.
30 “Ngako oko, ndlu kaSirayeli, umntu ngamnye kuni ndiza kumgweba ngokwezenzo zakhe, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.