5 “Nanku umfo olilungisa,owenza okulungileyo kwaphela:
6 akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye athembele *kwizithixo zendlu kaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane,okanye alale nomfazi osexesheni;
7 akacinezeli mntu,kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa;akanguye umphangi,koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;
8 akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;akavani nokwenza okungalunganga,ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.
9 Wenza ngokwemimiselo yam,anyaniseke ekugcineni imithetho yam.“Lowo ke ulilungisa; ngenene uya kubudla ubomi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
10 “Mhlawumbi indoda le inonyana othanda ukulwa, aphalaze igazi, okanye ade enze nezinye izinto ezingatshongo khona,
11 (naxa uyise engazange wazenza ezo zinto):“Uthatha inxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni;uyamhlazisa umfazi wommelwane;