8 akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;akavani nokwenza okungalunganga,ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.
9 Wenza ngokwemimiselo yam,anyaniseke ekugcineni imithetho yam.“Lowo ke ulilungisa; ngenene uya kubudla ubomi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
10 “Mhlawumbi indoda le inonyana othanda ukulwa, aphalaze igazi, okanye ade enze nezinye izinto ezingatshongo khona,
11 (naxa uyise engazange wazenza ezo zinto):“Uthatha inxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni;uyamhlazisa umfazi wommelwane;
12 uyawacinezela amahlwempu nabasweleyo;ungumphangi;akayibuyisi impahla abeyibanjiswe ngobolekayo;unqula izithixo;wenza amanyundululu;
13 uyabaxhaphaza abantu xa ebolekisa,ewe, ubiza inzuzo engaphaya.“Ngaba uya kubudla ubomi umntu onjalo? Hayi! Ngokwenza onke la manyundululu umelwe kukufa, avune into abeyihlwayele.
14 “Xa ngaba lo nyana unonyana obubonayo bonke ubugwenxa bukayise, aze athi kunjalo angahambi ekhondweni lakhe: