1 “Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli,
2 uthi:“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,esanyisa amathole akhe.
3 Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.
4 Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.
5 “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.