34 Ngamandla am amakhulu ndiya kuniphuthuma ezizweni, ndinibuyise emazweni ebenibhacele kuwo ngenxa yengqumbo yam.
35 Ndiya kunibeka kwintlango yeentlanga, ndinigwebe sijongene ubuso ngobuso.
36 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kunigweba njengoko ndandenzile kooyihlo kwintlango yaseJiputa.
37 Ndiya kunalusa nihambe phantsi komsimelelo wam, ndinifake phantsi kwembophelelo yomnqophiso.
38 “Ndiya kubakhuphela ngaphandle abo banenkani bandivukelayo. Nakuba ndiya kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abayi kungena kwilizwe lakwaSirayeli. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.
39 “Kuni ke, ndlu kaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Hambani nonke ngabanye, niye kunqula izithixo zenu ezinezothe. Kodwa kamva niya kundiphulaphula, nahlukane nokunyelisa igama lam elingcwele ngeminikelo nezithixo zenu.
40 “Nanku umlomo weNkosi uNdikhoyo: Phezu kwentaba yam eyodwa, intaba ephakamileyo kaSirayeli, apho kanye elizweni, kulapho iya kundinqula khona indlu kaSirayeli iphela, nam ndoyamkela. Apho ndiya kuyifuna imirhumo yenu neminikelo yenu ekhethiweyo kwakunye namadini enu awodwa.