1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2 “Mntundini, bhekisa eJerusalem, usikhalimele isibingelelo kwanelizwe lakwaSirayeli.
3 Yithi kulo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndichasene nawe! Ndiya kulithi rhuthu ikrele lam esingxobeni salo, lidle kolilungisa nakokhohlakeleyo ngokufanayo.
4 Njengoko ndiza kubulala olilungisa nokhohlakeleyo ikrele lam liza kugwaza bonke abantu ukusuka emzantsi kuye emntla.