14 Ngako oko shumayela, mntundini,ude ubethe ngesandla.Ikrele maligwaze kabini,okanye kude kube kathathu.Likrele lokutshabalalisa;ewe, ikrele lokubhubhisa liza kuvela macal' onke.
15 Ziya kugubha iintliziyonabafayo baya kuba yinyambalala,kuba ikrele lentshabalalo liya kuba kumasango onke.Awu! Liya kumenyezela okombane,kuba lithiwe qhiwu ukuze ligwaze.
16 Awu, krele, yidla kosekunene,udle kosekhohlo,nakuwo onke amacala.
17 Nam ngokwam ndiya kubetha ngesandla,nengqumbo yam iya kuthotha.Ndithethile mna Ndikhoyo.”
18 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
19 “Mntundini, khomba iindlela ezimbini eziya kukhokela umkhosi wokumkani waseBhabheli kweli lizwe. Zombini ezi ndlela maziphume ndawonye. Yenza umqondiso kuloo ndawo iphambuka khona indlela eya esixekweni.
20 Umkhosi walathise indlela eya kwiRabha yama-Amon, uze uwalathise nendlela eya kwaJuda esixekweni esinqatyisiweyo saseJerusalem.