24 “Ke ngoko uthi *uNdikhoyo iNgangalala: Ngenxa yokuba, bantundini, ityala lenu nilibonakalise nazicacisa ukuba ningabavukeli, nazityhila nezono zenu ngazo zonke izenzo zenu, ngoko ke niya kuthinjwa.
25 “Wena nkosana yakwaSirayeli ehlazekileyo nekhohlakeleyo, ifikile eyakho imini; ixesha lokohlwaywa lilo eli.
26 Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo.
27 Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.
28 “Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi:“Ikrele, ikrele lokubulala,liyabengezela, lifuna emntwini,limenyezela okombane.
29 Nakuloo mibono ingeyonyani,mibono leyo ingawe,xa kuvunyiswa ngawe,wozitsheca iintamozabakhohlakeleyoabafanele ukubulawa;kuba imini yabo ifikile,ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.
30 Libuyisele ikrele esingxobeni salo;mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho;ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.