26 Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo.
27 Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.
28 “Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi:“Ikrele, ikrele lokubulala,liyabengezela, lifuna emntwini,limenyezela okombane.
29 Nakuloo mibono ingeyonyani,mibono leyo ingawe,xa kuvunyiswa ngawe,wozitsheca iintamozabakhohlakeleyoabafanele ukubulawa;kuba imini yabo ifikile,ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.
30 Libuyisele ikrele esingxobeni salo;mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho;ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.
31 Ndiya kuyikhuphela kuwe ingqumbo yam,ndikuvuthulule ngoshushu wona umsindo.Ndiya kukwenza ixhoba lezikrelemnqa,amachule kanye okubhubhisa.
32 Uya kutsha njengeenkuni emlilweni;igazi lakho liya kuphalala kwelakowenu.Uya kulityalwa ukuba wakha wakho.Kaloku ndithethile mna Ndikhoyo.”