3 Yithi kulo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndichasene nawe! Ndiya kulithi rhuthu ikrele lam esingxobeni salo, lidle kolilungisa nakokhohlakeleyo ngokufanayo.
4 Njengoko ndiza kubulala olilungisa nokhohlakeleyo ikrele lam liza kugwaza bonke abantu ukusuka emzantsi kuye emntla.
5 Baya kuqonda ngoko ke bonke abantu ukuba mna Ndikhoyo ndilikhuphile ikrele lam esingxobeni salo; kwaye alisokube liphinde libuyele.
6 “Ngako oko, mntundini, yenza incwina! Yenze phambi kwabo incwina yentliziyo eyaphukileyo nokudandatheka okukhulu.
7 Bakuthi bakubuza: ‘Yincwina yani na le uyenzayo?’ wophendula ngelithi: ‘Ndenziwa ludaba oluzayo. Luya kuzenza iintliziyo zibe nedyudyu, aphele amandla ezandleni; iya kudakumba imiphefumlo, agevezele amadolo.’ Luyeza! Luyeza, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
8 Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
9 “Mntundini, shumayela uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Ikrele, ikrele,intshengeca ebengezelayo,