19 Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengoko niyintlenge ndiza kunibutha nonke, ndinibuthele eJerusalem.
20 Ndiya kuxelisa amadoda xa ebutha isiliva, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nenkcenkce, aze aziphose kwiziko lokunyibilikisa, awuvuthele umlilo. Nam emsindweni wam nakwingqumbo yam ndiya kuniphosa esixekweni, ndininyibilikise.
21 Ndiya kunibutha ndinivuthele ngomsindo wam ovuthayo, ninyibilikele eJerusalem.
22 Niya kunyibilikela kuyo nixele isiliva inyibilikela eziko. Xa kunjalo ke niya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndiwukhuphele kuni umsindo wam.”
23 Kwakhona ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
24 “Mntundini, yithi kweli lizwe: ‘Ungumhlaba ongafumananga zimvula namikhwitsho ngexesha lengqumbo.’
25 Kukho iyelenqe leenkosana zawo elifana noburhalarhume bengonyama egqumayo, iqwenga ixhoba. Ziyabaqwenga abantu, zibaphanga izinto zabo zexabiso, zitsho ilizwe lazala ngabahlolokazi.