8 Zideliwe izinto ezinikelwe kum, yaxajelwa *iMihla yam yokuPhumla.
9 Apho kuwe kunyakazela amadoda anolwimi, azimisele ukuphalaza igazi; apho kuwe kuhlala abantu abadla kwizibingelelo zasezintabeni, benze neentlondi.
10 Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi booyise, alala nabafazi abasexesheni, benomlaza ke ngoko.
11 Apho kuwe kuhlala amadoda alala nabafazi babamelwane, noomolokazana bawo, noodade bawo ngokooyise.
12 Apho kuwe kukho amadoda athengwayo ukuba abulale; kukho abadlela abanye ngokubabiza ingeniselo egqithileyo abamelwane ababolekise ngemali kubo. Mna undilibele, itsho iNkosi uNdikhoyo.
13 “Ngokwenene mna ndiya khamnqa ngenxa yengeniselo yakho yobuqhetseba nokuphalaza kwakho igazi.
14 Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto.