17 Agaleleka ke amadoda aseBhabheli, angena emandlalweni, alala naye. Kamva asuke aba nezothe kuye, wawalahla.
18 Uthe akubuqhuba phandle ubuhenyukazi, wangumntu ongawukhathaleleyo umzimba wakhe, ewuhluba engenantloni, nam ndamlahla, ndaxelisa mini ndalahla udade wabo.
19 “Wasuka waya ehambela phambili emanyaleni ngokungathi ukhumbula ubutsha bakhe bobuhenyukazi eJiputa.
20 Wayefeba nezithandwa zakhe ezibudoda bufana nobedonki nezimchamela okwehashe.
21 Kube njalo ke ukulangazelela iintlondi zobutsha bakho eJiputa apho wawuphathwa-phathwa amabele, ucofwa-cofwa iingono.
22 “Ngako oko, Oholibha, iNgangalala uNdikhoyo ithi: Ndiza kuzifunza kuwe izithandwa zakho, eziya ubuzilahle kuba uzenyanya; ziza kuphuma macalana onke:
23 ezaseBhabheli namaKaledi, abafo basePekodi, eShowa, naseKhowa, nawo onke ama-Asiriya, amagatyana, abafana abanomkhitha, abalawuli, abaphathi-mkhosi, amagosa eenqwelo zokulwa, nezinye izithwala-ndwe, bonke bekhwele emahashini abo.