23 Niya kuhlala niyithwele iminqwazi yenu, neembadada nosoloko nizinxibile. Aniyi kuzila, aniyi kulila, kodwa nosuka niye niphela ngokuphela emzimbeni ngenxa yesono senu; niya kungqukruleka nje kuphela.
24 Uya kuba ngumqondiso kuni uHezekile; niya kuxelisa yena. Xa kunjalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo iNkosi.
25 “Ke wena, mntundini, mhla ndayisusa inqaba yabo, uchulumanco nozuko lwabo, uvuyo lwamehlo abo, eyona nto ithe ngco ezintliziyweni zabo, kwanoonyana neentombi zabo,
26 uya kufika kuwe obhungcileyo ekuphathele iindaba.
27 Umlomo wakho uya kuvuleka ngoko nangoko; uya kuthetha naye kuba ungenakuthula. Ke ngoko uya kuba ngumqondiso kubo, baze baqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”