24 Uya kuba ngumqondiso kuni uHezekile; niya kuxelisa yena. Xa kunjalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo iNkosi.
25 “Ke wena, mntundini, mhla ndayisusa inqaba yabo, uchulumanco nozuko lwabo, uvuyo lwamehlo abo, eyona nto ithe ngco ezintliziyweni zabo, kwanoonyana neentombi zabo,
26 uya kufika kuwe obhungcileyo ekuphathele iindaba.
27 Umlomo wakho uya kuvuleka ngoko nangoko; uya kuthetha naye kuba ungenakuthula. Ke ngoko uya kuba ngumqondiso kubo, baze baqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”