1 Ngomhla wokuqala enyangeni ngonyaka weshumi elinanye, ndeva izwi *likaNdikhoyo lisithi kum:
2 “Mntundini, iTire ihlekise ngeJerusalem yathi: ‘Tshotsho uvuleke, sangondini eliya ezizweni! Iingcango zakho zivulelwe mna. Njengoko sewulinxuwa wena ndiza kuchuma mna.’
3 Ngenxa yoko mna Ndikhoyo iNkosi ndithi: Ndikuchasile, Tire, ndaye ndiza kukufunza ngentlaninge yezizwe, zibe ngathi ngamaza olwandle olulwayo.
4 Ziya kuzidiliza iindonga neenqaba zaseTire. Ndiya kukutshayela ke konke okudiliziweyo, iTire isale ilulwalwa,
5 ibe yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Kaloku ndithethile mna, itsho iNkosi uNdikhoyo. Iya kuba lixhoba lezizwe,
6 nezithanga zayo ezithe qelele nolwandle zitshabalale likrele. Xa kunjalo ke baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
7 Kaloku iNgangalala uNdikhoyo ithi: “ITire ndiya kuyithumela ngoNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli – ewe, ikumkani yeekumkani. Uya kuvela ngasentla namahashe neenqwelo zakhe zemfazwe, nebubu lomkhosi olunamadoda akhwele emahashini.