28 Ziya kunxunguphala izizwe ezima ngaselunxwemeni,zisothuswa sisijwili soomatiloshe bakho.
29 Bonke abagwexi baya kusaba enqanaweni;oomatiloshe namachule eenqanawe baya kuma bhuxe elunxwemeni.
30 Baya kukhala ngezwi elikhulu,besenza isijwili esikrakra ngenxa yakho.Intloko yabo baya kuyigalela uthuli,baziqika-qike eluthuthwini.
31 Ngenxa yakho baya kucheba iinwele zabo,banxibe irhonya.Baya kukulilela ngomoya owonakeleyo,bazile bekrakra.
32 Baya kwenza isijwili,bazile ngenxa yakho.Baya kwenza isililo ngawe, bathi:‘Ngubani na owakhe wathuliswa njengeTire emi elwandle?’
33 Wawuzanelisa izizwe ezininzi ngexesha owawurhweba phesheya kolwandle;ubutyebi bakho, nempahla yakho yatsho zatyeba iikumkani zehlabathi.
34 Ngokunje lukuqhekezile ulwandle, usenzonzobileni yamanzi;impahla yakho namahlakani akho bazike kunye nawe.