20 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
21 “Mntundini, bhekisa kwiSidon, uyikhalimele
22 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ndiyalwa nawe, Sidon.Udumo lwam ndolubonakalisa ngawe.Abantu baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyoxa ndiyohlwaya iSidon,ndibonisa ubungcwele bam ngayo.
23 Ndiya kuyithumela ngobhubhani,nditsho izitalato zayo zibaleke igazi;iya kuzala zizidumbu zabafe ngekrele,ikrele eliya kuvela macalana onke.Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.
24 “Abantu bakwaSirayeli baya kuyeka ukuba nabamelwane abahlekisayo ngabo, abahlaba njengohlololwane neengcangula zameva. Baya kwazi ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.
25 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xa ndibabutha abantu bakwaSirayeli kwezo zizwe babebhacele kuzo, ndiya kuzityhila kubo phambi kwezizwe, bandazi ukuba ndinguThixo oyedwa. Baya kuhlala ezweni labo endandilinike isicaka sam uYakobi.
26 Baya kuhlala apho bekhuselekile, baze bakhe izindlu, batyale nezidiliya. Baya kuba bekhuselekile xa mna ndisohlwaya abamelwane babo ababehlekisa ngabo. Baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo.”