22 Amandla kaNdikhoyo andongamela ndiselapho, waza wathi kum: “Phakama, uhambe uye ethafeni, apho ndiza kuthetha nawe khona.”
23 Nam ke ndaphakama, ndaya ethafeni. Babumi apho ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bunjengobuqaqawuli endabubona phezu komlambo iKebhare, ndasuka ndacambalala.
24 Wangena kum uMoya, wandimisa ngeenyawo. Wathetha nam wathi: “Hamba uye kuzivalela endlwini yakho.
25 Wena, mntundini, baza kukubophelela ngeentsontelo, khon' ukuze ungabi nako ukuya kubo.
26 Mna ke ulwimi lwakho ndiya kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ukuze ungakwazi ukuthetha ubakhalimele, kuba bangabantu abangabavukeli.
27 Kodwa ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho. Uze ke uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayindlu yabadelelayo.”