4 Liya kufika ikrele eJiputa;intlungu iya kugaleleka eKushe.Xa bezizigede ababuleweyo eJiputa,buya kuthinjwa ubutyebi bakhona;ziya kudilizwa iziseko zayo.
5 Ikrele liya kutyakatya eKushe nasePuti,eLudi nakwelama-Arabhu liphela,eKubhi nakubantu bomhlaba womnqophiso,njengokuba lisenza eJiputa.
6 “Uthi uNdikhoyo:Abangecala leJiputa baya koyiswa;amandla ayo eqhayiya aya kuwa phantsi.Baya kutyakatywa ngekreleukusuka eMigidoli kuthi gaa ngeAswan,itsho iNgangalala uNdikhoyo.
7 “IYiputa ndoyitsho ibe bubugxwayiba phakathi kobugxwayiba,izixeko zayo zibe ngamanxuwa njengezinye.
8 Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo,xa nditshabalalisa iJiputa ngomlilo,ndibaqushe abancedisi bayo.
9 “Ngaloo mini izithunywa zam ziya kuphuma ngeenqanawe ukuya kufaka ivuso eKushe. Baya kukhwankqiswa yintlungu ngomhla wokutshabalala kweJiputa, kuba ngenene uyeza.
10 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ubutyebi baseJiputa ndobuphelisangesandla sikaNebhukadenezare ikumkani yaseBhabheli.