8 Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo,xa nditshabalalisa iJiputa ngomlilo,ndibaqushe abancedisi bayo.
9 “Ngaloo mini izithunywa zam ziya kuphuma ngeenqanawe ukuya kufaka ivuso eKushe. Baya kukhwankqiswa yintlungu ngomhla wokutshabalala kweJiputa, kuba ngenene uyeza.
10 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ubutyebi baseJiputa ndobuphelisangesandla sikaNebhukadenezare ikumkani yaseBhabheli.
11 Wofika nomkhosi wakhe(umkhosi wesizwe esigonyamelayo)ukuza kutshabalalisa ilizwe.Baya kuyihlasela iJiputa,ilizwe lizale zizidumbu.
12 Imisinga yomlambo iNayile ndiya kuyitsho yome nko,umhlaba ndiwunikezele kumadoda akhohlakeleyo.Ndiya kuthuma abasemzinibawubhukuqe umhlaba nayo yonke into ekuwo.Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.
13 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:“Ndoyitshitshisa imifanekiso,ndizitshabalalise izithixo zaseMemfisi.Akuyi kubakho nkosi eJiputa;ndiya kulenza lonke ilizwe lithuthumele kukoyika.
14 Ndiya kuyidlakaza iPatros,ndiyifake umlilo iZowan,iThebhesi ndiyohlwaye.