4 Waba mde kuba wawusela amanziemithombo ephuma emathunjini omhlaba,emilanjana inkcenkceza amanzi phezu kweengcambu zawo,ize isele neminye imithi yasendle.
5 Ngoko ke waba mde lee kuneminye imithi apho endle,aqhama amasetyana awo, axanda amasebe,ngenxa yamanzi amaninzi.
6 Zonke iintakazana zakha iindlwana zazo kumasetyana awo;zonke izilo zasendle zazala amathole azo phakathi kwamasebe awo;zonke izizwe ezinodumo zaphumla emthunzini wawo.
7 Wawongamele ngobuhle, uxandile ngamasebe,kuba iingcambu zawo zazisela amanzi ezantsi emathunjini omhlaba.
8 Imisedare yomyezo kaThixo yayingathathi nto kuwo,ngokunjalo namasebe emipayini.Amasebe emipleyini ayenganeno kweyawo ngobuhle obuyimbalasane.Babudlule nawuphi na umthi emyezweni kaThixo.
9 Enziwa ndim aba mahle naloo masebe aqhamileyo,umthi ogqwesa yonke imithi yaseIdeni, umyezo kaThixo.”
10 “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Wawumde kangangoko, uyivelele lee intshinyela yehlathi, wade wazingca ngobude bawo.