6 Zonke iintakazana zakha iindlwana zazo kumasetyana awo;zonke izilo zasendle zazala amathole azo phakathi kwamasebe awo;zonke izizwe ezinodumo zaphumla emthunzini wawo.
7 Wawongamele ngobuhle, uxandile ngamasebe,kuba iingcambu zawo zazisela amanzi ezantsi emathunjini omhlaba.
8 Imisedare yomyezo kaThixo yayingathathi nto kuwo,ngokunjalo namasebe emipayini.Amasebe emipleyini ayenganeno kweyawo ngobuhle obuyimbalasane.Babudlule nawuphi na umthi emyezweni kaThixo.
9 Enziwa ndim aba mahle naloo masebe aqhamileyo,umthi ogqwesa yonke imithi yaseIdeni, umyezo kaThixo.”
10 “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Wawumde kangangoko, uyivelele lee intshinyela yehlathi, wade wazingca ngobude bawo.
11 Ngenxa yoko ndawunikezela umlawuli wezizwe ukuba enze kuwo ngokwenkohlakalo yawo. Ndawushenxisa,
12 waza wagawulwa sesona sizwe sikhohlakeleyo kwezasemzini. Amasebe awo awela ezintabeni nasezintlanjeni; aphukela kuzo zonke iingxingwa zelizwe. Zonke izizwe zehlabathi zawushiya umthunzi wawo.