17 Ngomhla weshumi elinesihlanu enyangeni, kunyaka weshumi elinambini, ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
18 “Mntundini, zenzele isijwili izihlwele zaseJiputa, uzithobele phantsi komhlaba kunye nezizwe ezinamandla, behle bangene kwelabafileyo kunye nâbo bangena khona.
19 Yithi kubo: ‘Ngaba nina niyalungiselelwa kunabanye? Yihlani niye kulala phakathi kwabangalukanga.’
20 Baya kuwa nâbo babulewe ngekrele. Ikrele lithiwe rhuthu esingxotyeni salo; iJiputa mayirhuqwe imke kunye nezihlwele zayo.
21 Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’
22 “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.
23 Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.