19 Yithi kubo: ‘Ngaba nina niyalungiselelwa kunabanye? Yihlani niye kulala phakathi kwabangalukanga.’
20 Baya kuwa nâbo babulewe ngekrele. Ikrele lithiwe rhuthu esingxotyeni salo; iJiputa mayirhuqwe imke kunye nezihlwele zayo.
21 Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’
22 “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.
23 Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.
24 “Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.
25 IElam yenzelwe umandlalo phakathi kwezidumbu zababuleweyo, ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke bafe ngekrele bengalukanga. Ngenxa yevuso labo kwilizwe labaphilayo balithwele ihlazo kunye nâbo bahlela kwelabafileyo. Balele nababuleweyo.